Open-access Iingxoxo ngeHauntology: Ulungiso lwembonakalo kwiYunivesithi yaseStellenbosch

Abstract

Eli nqaku liphakamisa owona mbuzo ungundoqo wendlela yokuzibandakanya kuqulunqo lweqonga oluqhubayo kwiYunivesithi yaseStellenbosch (iSU) njengokucinga ngokutsha kunye nokuchaza ngokutsha iqonga. Amaqonga, achaphazela abantu ngokungathanga ngqo yaye bengaqondanga bona, anokusebenza njengohlaselo olungaqondakaliyo kwelinye icala kunye neendawo zokhuseleko ezihambalena nobuni kwelinye icala. Iphulo loKulungiswa kweMbonakalo (VR) eSU ligxile ekususeni okanye ekutshintsheni iimbonakalo ezinokuxabanisa ekhampasini kunye nokuququzelela iindibano zokutshintsha amava eendawo kunye nawamaqonga. Eli phulo leVR alijolisanga kuphela ekuguquleni iqonga ngqo, kodwa likwajolise ekuququzeleleni iingxoxo ezibalulekileyo kunye nokungenelela ngokuthe ngqo okubandakanya iinkumbulo ngendawo kunye neenkumbulo ngokweemvakalelo. Kweli nqaku iHauntology isetyenziswa njengendlela yokukhumbula kunye nokucamngca ngezinto ezibonakalayo kwikhampasi yaseStellenbosch yaseSU kunye nendlela inkumbulo yexesha elidlulileyo kunye nabalishiyayo eli limagade ahlabayo ngendlela yezinto ezibonakalayo ezisakhathazayo kule mihla. Olu nxibelelwano lwe-hauntological lubandakanya uthethathethwano olubalulekileyo nabafundi, abahlohli, kunye noluntu lweyunivesithi ngokubanzi. Kweli nqaku abaphandi baya kubonelela ngesishwankathelo seVR eSU kwaye baya kubonisa ze baxoxe ngeenkqubo zamaphulo amathathu eVR athe aphunyezwa yiSU ukubonakalisa ukubaluleka kothethathethwano lwe-hauntological ngenjongo yokwakha ngokutsha iziko..

iHauntology; iziko; ukulungiswa kwembonakalo (VR); iYunivesithi yaseStellenbosch; uMzantsi Afrika


location_on
Journal of Student Affairs in Africa 7 Walmer Road, Woodstock, Cape Town, Western Cape, ZA, 7925, Tel: +27 83 350 5959 - E-mail: editor@africanminds.co.za
rss_feed Stay informed of issues for this journal through your RSS reader
Go to top