Abstract
Kwixesha elibonakalisa ukwehla kwenkxaso-mali karhulumente kwiziko lezemfundo ephakamileyo icandelo lemfundo nengqeqesho emva kwesikolo lijongene nengxaki ekhoyo. Ukwahlukahlukana kwenkqubo kuthetha ukuthi ukwanda kwamanani olutsha olungena kwimfundo elandela eyamabanga aphakamileyo lunemida engakwazi ukudlulela kuyo xa kufikwa kwimikhethe ebekwa phambi kwabo. Eli nqaku liphonononga indlela ukuncitshiswa kwenkxaso-mali karhulumente ethe yabeka ngayo uxinzelelo kwiidyunivesithi zikawonke-wonke, nto leyo ikhokelele kuqhankqalazo Iwabafundi oluxhaphakileyo, ukunyuka kwezinga labo bathi bayeke phakathi bengekagqibi esikolweni nokuthotywa komgangatho wemfundo. Ugxininiso Iwethu kweli nqaku lukwindima yemfundo ephakamileyo yabucala, nokusebenzisana namanye amacandelo ecandelo lemfundo nengqeqesho emva kwesikolo ngokwalo. Into efunekayo yinkqubo yemfundo ephakamileyo eququzelela ngakumbi ulungelelwaniso nentsebenziswano kunye nokuba amacandelo ecandelo lemfundo nengqeqesho emva kwesikolo afumane iindlela zokusebenzisana ukudala uthungelwano oluhambelanayo noludibeneyo ukuvelisa amathuba okufunda angawona aphezulu kubafundi kwaye axhasa iinjongo zomthetho woHlaka lweZiqinisekiso zeSizwe. Eli nqaku lihlaba ikhwelo kubaqulunqi bomgaqo-nkqubo, iinkokheli zemfundo, urhulumente kunye nabachaphazelekayo ukuba baqaphele kwaye basebenzise amandla okukhula kwemfundo ephakamileyo yabucala ekubumbeni icandelo lemfundo nengqeqesho emva kwesikolo elomeleleyo, elihlanganisiweyo nelinobungqina bexesha elizayo eMzantsi Afrika.
Imfundo ephakamileyo yabucala; imfundo ephakamileyo yoluntu; icandelo lemfundo nengqeqesho emva kwesikolo (PSET); uxhaso lwemfundo ephakamileyo; uHlaka lweZiqinisekiso zeSizwe (NQF); ucwangciso lokufaka abafundi; ukungalingani kwimfundo; ufundo lobomi bonke; ubudlelwane phakathi kukarhulumente nemibutho yabucala